Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 19:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Ùyintoni na apha, Eliya?

10. Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

11. Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova.Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni.

12. Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle.

13. Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Ùyintoni na apha, Eliya?

14. Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.

15. Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram;*

16. uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhelemehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho.

17. Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha.

18. Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali,* imilomo yonke engamanganga.

19. Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye.

20. Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenzé ntoni na?

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 19