Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 16:10-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wangena ke uZimri, wamxabela, wambulala, ngomnyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

11. Kwathi, akuba ngukumkani, kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahesha, akamsalisela nanye into eyindoda, nongumzalwana wakhe, nongumhlobo wakhe.

12. Wayitshabalalisa uZimri yonke indlu kaBhahesha ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo kuBhahesha ngoYehu umprofeti;

13. ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abóna ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.

14. Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

15. Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.

16. Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.

17. Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.

18. Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;

19. ngenxa yezono zakhe awona ngazo, wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangezono zakhe awazenzayo wawonisa ngazo amaSirayeli.

20. Ezinye izinto zikaZimri, nokuceba kwakhe awaceba ngako, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

21. Baza bahluka kubini abantu bakwaSirayeli: esinye isahlulo sabantu salandela uTibheni, unyana kaGinati, ukuba simenze ukumkani; esinye isahlulo salandela uOmri.

22. Abantu ababelandela uOmri baboyisa abo bantu babelandela uTibheni, unyana kaGinati; wafa uTibheni; waba ngukumkani uOmri.

23. Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.

24. Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wákha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.

25. UOmri wenza okubi emehlweni kaYehova; wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.

26. Wahamba ngendlela yonke kaYarobheham unyana kaNebhati, nangezono zakhe awawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezinto zabo ezingento.

27. Ezinye izinto zikaOmri awazenzayo, nobugorha bakhe awabenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

28. UOmri walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29. UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 16