Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 16:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lafika ke ilizwi likaYehova kuYehu, unyana kaHanani, ngenxa kaBhahesha, lisithi,

2. Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo eluthulini, ndakwenza ingànga yabantu bam amaSirayeli, wesuka wena wahamba ngendlela kaYarobheham, abantu bam amaSirayeli wabonisa ukuba bandiqumbise ngezono zabo:

3. yabona, ndiyawatshayela amavela-mva kaBhahesha, namavela-mva endlu yakhe, ndiyènze indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham, unyana kaNebhati.

4. OkaBhahesha ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; owakhe ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.

5. Ezinye izinto zikaBhahesha, nawakwenzayo, nobugorha bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?

6. UBhahesha walala kooyise, wangcwatyelwa eTirtsa. UEla, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

7. Kananjalo ngesandla sikaYehu, unyana kaHanani, umprofeti, lafika ilizwi likaYehova kuBhahesha nakwindlu yakhe, nangenxa yobubi bonke awabenzayo emehlweni kaYehova, ukumqumbisa ngezenzo zezandla zakhe, ukuba ibe njengendlu kaYarobheham, nangenxa yokuba wamxabelayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 16