Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 15:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.

7. Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.

8. UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

9. Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.

10. Waba neminyaka emashumi mané anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

11. UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.

12. Wawakhwelelisa amang'awu, akabakho ezweni, wazisusa zonke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.

13. KwanoMahaka unina wamguzula, àkaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera* isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

14. Ke izigánga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.

15. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.

16. Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.

17. Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wákha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 15