KwanoMahaka unina wamguzula, àkaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera* isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.