Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 14:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:

10. ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavelamva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.

11. OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.

12. Suk' ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, úya kufa umntwana.

13. Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.

14. UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?

15. UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa emanzini, áwanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo,* ngenxa enokuba enze ooAshera* bawo, amqumbisa uYehova;

16. áwanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.

17. Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.

18. Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.

19. Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.

20. Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 14