Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 14:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.

2. Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangàkwazi ukuba ungumka Yarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;

3. uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wókuxelela okuya kubakho kulo mntwana.

4. Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya.Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.

5. Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wóthi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.

6. Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.

7. Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza ingànga kubantu bam amaSirayeli,

8. ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;

9. wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:

10. ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavelamva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.

11. OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.

12. Suk' ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, úya kufa umntwana.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 14