Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 12:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ukumkani wabaphendula abantu kalukhuni, walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona.

14. Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo wanibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.

15. Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuYehova, ukuze alimise izwi lakhe, abelithethile uYehova ngoAhiya waseShilo kuYarobheham, unyana kaNebhati.

16. Akùbona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Àsinalifa kunyana kaYese. Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.

17. Ke oonyana bakaSirayeli ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.

18. Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Esuka onke amaSirayeli, amxuluba ngamatye; wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.

19. Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide unanamhla.

20. Kwathi, akuva onke amaSirayeli ukuba uYarobheham ubuyile, athumela ambizela ebandleni, amenza ukumkani wamaSirayeli onke; akwabakho ulandela indlu kaDavide, saba sisizwe sakwaYuda sodwa.

21. Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye yonke indlu yakwaYuda, kwanesizwe sakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, bubuyisèlwe ubukumkani kuRehabheham unyana kaSolomon.

22. Lafika ilizwi likaThixo kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,

23. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakwindlu yonke yakwaYuda, nakuBhenjamin, nakubantu abaseleyo, ukuthi,

24. Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 12