Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 10:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wafika eYerusalem enesihlwele esinzima kunene, esineenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi kunene, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.

3. USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kukumkani, angabanga nakumtyhilela lona.

4. Wabubona ukumkanikazi waseShebha bonke ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile,

5. nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.

6. Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.

7. Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; ùyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ùlugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.

8. Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.

9. Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.

10. Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente* zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.

11. Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi* emininzi kunene, namatye anqabileyo.

12. Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.

13. Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 10