Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke bona ooNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema.

11. Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani; ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto?

12. Yiza ke ngoko, ndikuphe iqhinga, usize umphefumlo wakho, nomphefumlo wonyana wakho uSolomon.

13. Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Kungani na ke ukuba abe ngukumkani uAdoniya?

14. Uyabona, ndothi, usathetha apho nokumkani, ndingene nam emva kwakho, ndiwazalise amawzi akho.

15. Waya ke uBhatshebha kukumkani egumbini; ke ukumkani ubeseleyindoda enkulu kunene: uAbhishagi waseShunem ubelungiselela ukumkani.

16. Wathoba uBhatshebha, waqubuda kukumkani. Wathi ukumkani, Ùnga ntoni na?

17. Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1