Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 1:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba nakufudumala noko.

2. Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yethu ukumkani mayifunelwe inkakazana eseyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakhe, ifudumale inkosi yethu ukumkani.

3. Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani.

4. Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi.

5. Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.

6. Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.

7. Wacebisana noYowabhi, unyana kaTseruya, noAbhiyatare umbingeleli; bancedisa, balandela uAdoniya.

8. Ke bona ooTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noNatan umprofeti, noShimehi, noRehi, namagorha abe kuDavide, ababanga ngakuAdoniya.

9. UAdoniya wabingelela impahla emfutshane neenkomo ezityetyisiweyo ngasetyeni laseZohelete, elisecaleni le-En-rogele; wamema bonke abazalwana bakhe, oonyana bokumkani, namadoda onke akwaYuda, abakhonzi bokumkani.

10. Ke bona ooNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema.

11. Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani; ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto?

12. Yiza ke ngoko, ndikuphe iqhinga, usize umphefumlo wakho, nomphefumlo wonyana wakho uSolomon.

13. Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Kungani na ke ukuba abe ngukumkani uAdoniya?

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 1