Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 3:5-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;

6. nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

7. noNoga, noNefege, noYafiya,

8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.

10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

13. nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

14. nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

15. Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesiné.

16. Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

17. Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, noMalekiram,

18. noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 3