kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29

Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Imilibo yezizalwana

1. Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

2. owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesiné nguAdoniya unyana kaHagiti;

3. owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

4. Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

5. Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;

6. nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

7. noNoga, noNefege, noYafiya,

8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.

10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

13. nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;

14. nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.

15. Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesiné.

16. Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.

17. Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe, noMalekiram,

18. noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.

19. Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;

20. noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.

21. Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.

22. Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.

23. Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.

24. Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.