3. owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.
4. Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.
5. Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;
6. nguIbhehare, noElishama, noElifelete,
7. noNoga, noNefege, noYafiya,
8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.
9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.
10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;
11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;
12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;