Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;

2. owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesiné nguAdoniya unyana kaHagiti;

3. owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.

4. Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.

5. Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobané, ngoBhateshuwa intombi ka-Amiyeli;

6. nguIbhehare, noElishama, noElifelete,

7. noNoga, noNefege, noYafiya,

8. noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.

9. Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; ndodade wabo ibinguTamare.

10. Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;

11. nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;

12. nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 3