Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 29:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu.USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yingànga, noTsadoki abe ngumbingeleli.

23. Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wenempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.

24. Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.

25. UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

26. Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.

27. Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mané; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

28. Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29. Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasémicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;

30. kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 29