Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 29:16-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, sìyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke.

17. Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.

18. Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kúgcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo;

19. uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.

20. Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.

21. Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke.

22. Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu.USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yingànga, noTsadoki abe ngumbingeleli.

23. Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wenempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.

24. Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.

25. UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

26. Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.

27. Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mané; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.

28. Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

29. Izinto zikaDavide ukumkani, ezokuqala nezokuphela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaSamuweli imboni, nasémicimbini kaNatan umprofeti, nasemicimbini kaGadi imboni;

30. kunye nobukumkani bakhe bonke, nobugorha bakhe, nezinto ezamhlelayo yena, namaSirayeli, nezikumkani zonke zamazwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 29