Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 28:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalazé igazi elininzi.

4. Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyulé uYuda ukuba abe yingànga, endlwini kaYuda unyulé indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwé ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.

5. Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyulé uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.

6. Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;

7. ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba úthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.

8. Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu: gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilimé eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 28