Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 28:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.

2. Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi: Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;

3. koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalazé igazi elininzi.

4. Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyulé uYuda ukuba abe yingànga, endlwini kaYuda unyulé indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwé ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.

5. Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyulé uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.

6. Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 28