Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 24:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesiné noMahazeya.

19. Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.

20. Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

21. NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

22. KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

23. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.

24. Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

25. Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

26. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

28. NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

29. NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 24