Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 24:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli,

17. elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli,

18. elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesiné noMahazeya.

19. Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.

20. Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.

21. NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.

22. KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.

23. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.

24. Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.

25. Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.

26. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.

27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.

28. NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.

29. NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.

30. Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti.Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.

31. Babawisela amaqashiso nabo kwanjengabazalwana babo, oonyana baka-Aron, phambi koDavide ukumkani, noTsadoki, noAhimeleki, neentloko zezindlu zooyise zababingeleli nezabaLevi: iinkulu zezindlu zooyise kwanjengabaninawa babo.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 24