Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 21:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uSathana* wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.

2. Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBhershebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.

3. Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, àbangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?

4. Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.

5. UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amané anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.

6. Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.

7. Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.

8. Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenzé ubudenge obukhulu.

9. Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,

10. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

11. Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Útsho uYehova ukuthi, Zityumbele;

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 21