Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 17:13-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.

14. Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni.

15. Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.

16. Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?

17. Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethé nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.

18. Úsaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.

19. Yehova, ubenzé ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.

20. Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.

21. Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?

22. Wabenza abantu bakho amaSirayeli baba ngabantu kuwe, kude kuse ephakadeni; wena, Yehova, waba nguThixo kubo.

23. Kaloku, Yehova, ilizwi olithethileyo ngomkhonzi wakho, nangendlu yakhe, malibe yinyaniso kude kuse ephakadeni, wénze njengoko uthethileyo;

24. libe yinyaniso, likhule igama lakho kude kuse ephakadeni, kusithiwa, UYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, nguThixo kuSirayeli; indlu kaDavide, umkhonzi wakho, iqinile phambi kwakho.

25. Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba ùya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 17