Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 15:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UDavide wazenzela izindlu emzini kaDavide; wayilungiselela indawo ityeya kaThixo, wayimisela intente.

2. Waza uDavide wathi, Mayingathwalwa ityeya kaThixo ngabangebaLevi; ngokuba unyulé bona uYehova ukuba bayithwale ityeya kaThixo, bamlungiselele ngonaphakade.

3. UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona.

4. Wabahlanganisa uDavide oonyana baka-Aron nabaLevi.

5. Koonyana bakaKehati yangu-Uriyeli umthetheli, nabazalwana bakhe, belikhulu elinamanci mabini.

6. Koonyana bakaMerari yanguAsaya umthetheli, nabazalwana bakhe, bengamakhulu amabini anamanci mabini.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 15