Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:9-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.

10. Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.

11. Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.

12. Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.

13. Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.

14. Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.

15. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.

16. UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

17. Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!

18. Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova, wathi,

19. Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encamé imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.

20. UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.

21. Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; àkafika kodwa kulawa mathathu.

22. UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11