Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.