Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Izikronike 11:4-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe.

5. Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo).

6. Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke.

7. UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide.

8. Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi.

9. UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.

10. Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.

11. Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye.

12. Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu.

13. Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.

14. Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.

15. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa.

16. UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

17. Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni!

18. Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova, wathi,

funda isahluko epheleleyo 1 Izikronike 11