Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 9:17-33 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”

18. Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.

19. Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko.

20. Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo.

21. Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”

22. Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.

23. Kwakuba kudlule iintsuku ezininzi amaJuda ahlanganisana, afutha amacebo okumbulala uSawule;

24. kodwa eli yelenqe waliva uSawule. Imini nobusuku babemlinda emasangweni edolophu, khon' ukuze bambulale.

25. Ngabusuku buthile abalandeli bakaYesu bamthatha uSawule, bamthoba ngengobozi eludongeni.

26. USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu.

27. Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

28. Waza ke uSawule wahlala apho eJerusalem, ejikeleza elishumayela ngesibindi igama leNkosi.

29. Ngokunjalo wathetha, waxoxa nawo namaJuda athetha isiGrike, kodwa asuka afuna ukumbulala.

30. Athi amakholwa akuyiqonda le nto, amthatha uSawule, amsa eKhesariya, aza amthumela eTarso.

31. Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.

32. Njengoko uPetros wayeyihamba yonke loo ngingqi, ngathuba lithile watyelela abantu bakaThixo eLida.

33. Apho wahlangana nendoda egama linguEneya. Yayife icala, futhi ineminyaka esibhozo yalalayo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 9