Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 9:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.”

15. Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli.

16. Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.”

17. Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”

18. Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.

19. Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko.

20. Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo.

21. Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”

22. Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.

23. Kwakuba kudlule iintsuku ezininzi amaJuda ahlanganisana, afutha amacebo okumbulala uSawule;

24. kodwa eli yelenqe waliva uSawule. Imini nobusuku babemlinda emasangweni edolophu, khon' ukuze bambulale.

25. Ngabusuku buthile abalandeli bakaYesu bamthatha uSawule, bamthoba ngengobozi eludongeni.

26. USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu.

27. Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 9