Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 9:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. EDamasko apho kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguHananiya. INkosi yathetha naye embonweni, yambiza yathi: “Hananiya!”Yena wasabela wathi: “Ndilapha, Nkosi.”

11. Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona,

12. futhi embonweni wayo ibone indoda egama linguHananiya, ingena ibeka izandla phezu kwayo, ukuze iphinde ibe nokubona.”

13. Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem.

14. Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.”

15. Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli.

16. Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.”

17. Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”

18. Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.

19. Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko.

20. Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo.

21. Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”

22. Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.

23. Kwakuba kudlule iintsuku ezininzi amaJuda ahlanganisana, afutha amacebo okumbulala uSawule;

24. kodwa eli yelenqe waliva uSawule. Imini nobusuku babemlinda emasangweni edolophu, khon' ukuze bambulale.

25. Ngabusuku buthile abalandeli bakaYesu bamthatha uSawule, bamthoba ngengobozi eludongeni.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 9