Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:27-28-40 Ibhayibhile (XHO96)

27-28. Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.

29. Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”

30. UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”

31. Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.

32. Nasi isicatshulwa seziBhalo awayesifunda:“Wafana negusha eya kuxhelwa,wafana netakane elithe cwaka lichetywa,naye wathula wathi tu.

33. Ekuthotyweni kwakhe akabanga namhlanguli;akukho bani uya kuchaza ngesizukulwana sakhe,kuba ubomi bakhe emhlabeni bunqanyulwe.”

34. Unondyebo wabuza kuFilipu wathi: “Khawundixelele, uthetha ngabani apha umshumayeli? Ngaba uthetha yena siqu, okanye uthetha ngomnye umntu?”

35. UFilipu wamchazela, eqalela kanye kule ndawo eziBhalweni, wamtyhilela iindaba ezimnandi ezingoYesu.

36. Ekuhambeni kwabo bada bafika ndaweni ithile inamanzi, laza lathi ithenwa: “Nanga amanzi, kungani ukuba ndingàbhaptizwa?”[

37. Waphendula wathi uFilipu: “Ungábhaptizwa ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho yonke.” Lathi ke lona: “Ndiyakholwa ukuba uYesu Krestu nguNyana kaThixo.”]

38. UmTopiya lowo wathi makumiswe, waza yena noFilipu bangena emanzini, uFilipu wambhaptiza.

39. Bakuphuma emanzini apho, uMoya weNkosi wamthatha wemka naye uFilipu. UmTopiya lowo akabanga sambona uFilipu, kodwa wayihamba indlela yakhe leyo ezele luvuyo.

40. UFilipu wazifumana eseAshdode, waza wazihamba zonke ezo dolophu eshumayela iindaba ezimnandi, wada waya kufika eKhesariya.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8