Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:26-30 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.”

27-28. Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.

29. Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”

30. UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8