Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:11-31 Ibhayibhile (XHO96)

11. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.

12. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.

13. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.

14. Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona.

15. Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele,

16. kuba wayengekabafikeli uMoya oyiNgcwele; nto nje babebhaptizelwe egameni leNkosi uYesu.

17. Aba bantu bamamkela uMoya oyiNgcwele, bakuba ooPetros noYohane bebabeke izandla.

18. USimon akubona ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele, bakubekwa izandla ngabathunywa, wafuna ukubanika imali ooPetros noYohane,

19. esithi: “Nam ndipheni la mandla; khon' ukuze nabani na endimbeke izandla afumane uMoya oyiNgcwele.”

20. Waphendula wathi uPetros: “Hamb' uye kufa kunye naloo mali yakho, kuba ucinga ukuba isipho sesisa sikaThixo singathengwa ngemali!

21. Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo.

22. Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje,

23. kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.”

24. Uthe ke uSimon kooPetros noYohane: “Ndincedeni, zinkosi, nindithandazele eNkosini ukuze zingandihleli zonke ezi zinto nizithethileyo.”

25. Emveni kokuba benike ubungqina beluthetha udaba lweNkosi kwabo bantu, uPetros noYohane bagoduka, baya eJerusalem. Endleleni yabo egodukayo bazishumayela iindaba ezimnandi kwiilali ezininzi zaseSamariya.

26. Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi noFilipu, sathi: “Zilungiselele uhle ngendlela esentlango esuka eJerusalem iye eGaza.”

27-28. Waxhabasha ke waya uFilipu. Endleleni apho wadibana nendoda elithenwa. Lo mfo wayengunondyebo wokumkanikazi uKhandase waseTopiya. Wayegoduka ngenqwelo, evela kunqula uThixo eJerusalem. Enqwelweni apho wayehamba efunda incwadi *yomshumayeli uIsaya.

29. Wathi uMoya oyiNgcwele kuFilipu: “Yiya kulaa nqwelo, uhambe nayo.”

30. UFilipu wakhawuleza waya kuyo, waza wamva unondyebo lowo efunda encwadini yomshumayeli uIsaya, wambuza wathi: “Uyayilandela na le nto uyifundayo?”

31. Waphendula wathi: “Ndingathini ukuyilandela kungekho bani undichazelayo?” Watsho wacela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahambe naye.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8