Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Naye uSawule wabuthakazelela obu bugebenga.Kwangaloo mhla kwaqaleka intshutshiso enkulu ebandleni laseJerusalem. Ngaphandle *kwabathunywa, basarhazeka bonke abakholwayo, kuwo onke amaphondo elakwaJuda naseSamariya.

2. Amadoda athile anenzondelelo amngcwaba uStefano enesingqala esikhulu.

3. Kwangelo lixa uSawule yena wazama ukulitshabalalisa ibandla, engena kwiminyango ngeminyango, ebarhuqa abakholwayo, amadoda kwanabafazi, ebavalela entolongweni.

4. Abakholwayo ababethe saa, bahamba bezishumayela iindaba ezimnandi kulo lonke.

5. UFilipu yena waya kwidolophana yaseSamariya, wamshumayela uKrestu kubantu ababelapho,

6. baza bamphulaphula ngomdla omkhulu bemxhelo mnye. Bathi bemphulaphula, baba beyibona nemiqondiso awayeyenza.

7. Iindimoni zazikhutshwa ebantwini, zisitsho ngesikhalo esikhulu. Abafe umzimba neziqhwala babephiliswa.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8