Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 8:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Naye uSawule wabuthakazelela obu bugebenga.Kwangaloo mhla kwaqaleka intshutshiso enkulu ebandleni laseJerusalem. Ngaphandle *kwabathunywa, basarhazeka bonke abakholwayo, kuwo onke amaphondo elakwaJuda naseSamariya.

2. Amadoda athile anenzondelelo amngcwaba uStefano enesingqala esikhulu.

3. Kwangelo lixa uSawule yena wazama ukulitshabalalisa ibandla, engena kwiminyango ngeminyango, ebarhuqa abakholwayo, amadoda kwanabafazi, ebavalela entolongweni.

4. Abakholwayo ababethe saa, bahamba bezishumayela iindaba ezimnandi kulo lonke.

5. UFilipu yena waya kwidolophana yaseSamariya, wamshumayela uKrestu kubantu ababelapho,

6. baza bamphulaphula ngomdla omkhulu bemxhelo mnye. Bathi bemphulaphula, baba beyibona nemiqondiso awayeyenza.

7. Iindimoni zazikhutshwa ebantwini, zisitsho ngesikhalo esikhulu. Abafe umzimba neziqhwala babephiliswa.

8. Ezi zinto zatsho abantu baloo dolophu banovuyo olukhulu.

9. Kuloo dolophu kwakukho indoda egama linguSimon, owayesenethuba elide esenza izimanga phakathi kwamaSamariya ngemilingo yakhe. Wayezenza uthile obalulekileyo.

10. Zaye iindidi zonke zabantu kuloo dolophu zimhlonela. Babesithi unamandla obuthixo, bembiza ngokuthi nguMandla-makhulu.

11. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.

12. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.

13. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.

14. Bathi bakuva *abathunywa eJerusalem ukuba abantu baseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela uPetros noYohane khona.

15. Bakufika khona babathandazela abakholwayo ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele,

16. kuba wayengekabafikeli uMoya oyiNgcwele; nto nje babebhaptizelwe egameni leNkosi uYesu.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 8