Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 5:28-42 Ibhayibhile (XHO96)

28. “Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.”

29. OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu!

30. UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni.

31. UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo.

32. Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”

33. Akuweva la mazwi amalungu eBhunga avutha ngumsindo kangangokuba afuna ukuba babulawe abathunywa.

34. Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle.

35. Wabhekisa eBhungeni esithi: “MaSirayeli, yilumkeleni into eniyenzayo kula madoda.

36. Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa.

37. Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka.

38. Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni;

39. ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli.

40. Baza ke bababiza abathunywa, babayala ukuba bangaze baphinde bathethe ngegama likaYesu. Emva koko ke bakatswa abathunywa, baza bakhululwa.

41. Abathunywa balishiya iBhunga elo benemincili, kuba uThixo ebafumanise befanelekile ukuba bahlazeke ngenxa yegama likaYesu.

42. Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 5