Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle.