Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 28:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.

18. Andincina, aza afuna ukundikhulula, akungafumani tyala ndingabulawa ngenxa yalo.

19. Kodwa amaJuda aluchasa olu luvo, ndaza ke ndanyanzeleka ukuba ndibhenele *kuKhesare, nangona ndandingenasimangalo ndingasenzayo ngakubantu bakowethu.

20. Yiyo le nto ndinibizele ukukhe ndinibone, ndithethe nani. Eneneni ndibanjiwe nje, kungenxa yalowo ulithemba lamaSirayeli.”

21. Athe ke ukumphendula amaJuda: “Asikhange sifumane zileta ngawe zivela kwaJuda; akukhange kubekho namaJuda eza neendaba ngawe; kungakhange kubekho nanto imbi ithethwe ngawe.

22. Kodwa ke singathanda ukuziva izimvo zakho, kuba siyazi ukuba kuyo yonke indawo liyachaswa eli qela uhambisana nalo.”

23. Bavumelana ngosuku noPawulos, kwaza ngaloo mini bafika bebaninzi apho wayehlala khona uPawulos. Waqala kwakusasa kwada kwahlwa ecacisa, ebachazela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo. Wazama ukuboyisela kuYesu ngokucaphula *kumthetho kaMosis nakwiincwadi *zabashumayeli bamandulo.

24. Abanye babo boyisakala ngamazwi akhe, abanye àbakholwa noko.

25. Bemka ke bephikisana bodwa, akuba uPawulos ethe kubo: “Wathetha kakuhle kambe uMoya oyiNgcwele ngomshumayeli uIsaya kooyihlo-mkhulu,

26. xa wathi:“ ‘Yiya uthi kwaba bantu:Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

27. Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo,bawavala namehlo abo.Kungenjalo bebeya kubona,beve ngeendlebe zabo,baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum,ndize ndibaphilise;’utsho uThixo.”

28. UPawulos wenjenje ukuyiphetha intetho yakhe: “Ngoko ke yazini ukuba udaba lukaThixo olungosindiso lusiwa ezintlangeni. Ziya kuluva zona.” [

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 28