Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 28:15-25 Ibhayibhile (XHO96)

15. Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.

16. Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.

17. Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.

18. Andincina, aza afuna ukundikhulula, akungafumani tyala ndingabulawa ngenxa yalo.

19. Kodwa amaJuda aluchasa olu luvo, ndaza ke ndanyanzeleka ukuba ndibhenele *kuKhesare, nangona ndandingenasimangalo ndingasenzayo ngakubantu bakowethu.

20. Yiyo le nto ndinibizele ukukhe ndinibone, ndithethe nani. Eneneni ndibanjiwe nje, kungenxa yalowo ulithemba lamaSirayeli.”

21. Athe ke ukumphendula amaJuda: “Asikhange sifumane zileta ngawe zivela kwaJuda; akukhange kubekho namaJuda eza neendaba ngawe; kungakhange kubekho nanto imbi ithethwe ngawe.

22. Kodwa ke singathanda ukuziva izimvo zakho, kuba siyazi ukuba kuyo yonke indawo liyachaswa eli qela uhambisana nalo.”

23. Bavumelana ngosuku noPawulos, kwaza ngaloo mini bafika bebaninzi apho wayehlala khona uPawulos. Waqala kwakusasa kwada kwahlwa ecacisa, ebachazela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo. Wazama ukuboyisela kuYesu ngokucaphula *kumthetho kaMosis nakwiincwadi *zabashumayeli bamandulo.

24. Abanye babo boyisakala ngamazwi akhe, abanye àbakholwa noko.

25. Bemka ke bephikisana bodwa, akuba uPawulos ethe kubo: “Wathetha kakuhle kambe uMoya oyiNgcwele ngomshumayeli uIsaya kooyihlo-mkhulu,

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 28