Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 27:30-44 Ibhayibhile (XHO96)

30. Oomatiloshe bazama ukuzímela, bathobela iphenyane emanzini, bezenza ngathi ba-ankila umphambili wenqanawa.

31. Kodwa wathi uPawulos kumphathi-butho: “Ukuba oomatiloshe abahlali apha enqanaweni, aninakusinda.”

32. Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.

33. Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni.

34. Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.”

35. Akuba etshilo uPawulos, wathatha isonka, wabulela kuThixo, watya phambi kwabo.

36. Bomelezeka ke, baza bathatha ukutya, batya bonke.

37. Sasingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithandathu sisonke.

38. Bakuba betyile, bawuphungula umthwalo wenqanawa ngokuphosa ingqolowa elwandle.

39. Kwakuba kusile oomatiloshe babona unxweme abangalunakananga kakuhle, kodwa baqaphela indawo enentlabathi, baza bazimisela ukuya kuyimisa khona inqanawa xa benako.

40. Ngoko ke bazinqumla iiankile, zasala elwandle, kwangelo xesha linye bazikhulula neentsontela ezazibambe amaphini okugwedla. Bayiphakamisa iseyile ekumphambili wenqanawa, ukuze umoya uyiqhubele phambili elunxwemeni inqanawa.

41. Kodwa inqanawa yasuka yabaleka yaya kungena endulini yesanti ephantsi kwamanzi; umphambili wenqanawa wagxumekeka apho waxinga awashukuma, isinqe senqanawa sona santlithwa saziingceba ngamaza alwayo.

42. Amajoni wona aceba ukuwabulala amabanjwa, ukuze angadadi azimele.

43. Kodwa umphathi wawo, efuna ukusindisa uPawulos, wawanqanda. Endaweni yaloo nto wathi amadoda akwaziyo ukudada makangene emanzini, adadele elunxwemeni;

44. baze abaseleyo balandele, bedada ngamaplanga, nangezinye izinto ababenokuzifumana. Xa sisonke ke sasinda ngaloo ndlela, saya kufika elunxwemeni singenawo nomkrwelo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 27