Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 25:3-18 Ibhayibhile (XHO96)

3. ukuba ancede amse eJerusalem uPawulos, kuba babefuna ukumlalela endleleni, bamgwinte.

4. Wathi uFesto kubo: “UPawulos uselugcinweni entolongweni eKhesariya. Ndibe nam ngokwam ndiza kuya khona kwakamsinyane.

5. Iinkokheli zenu ze zihambe nam ukuya eKhesariya, ziye kummangalela khona, ukuba ngaba kukho ityala alenzileyo.”

6. Akuba echithe malunga nesibhozo ukuya eshumini leentsuku phakathi kwabo uFesto, wabuyela eKhesariya. Ngengomso xa wayechophele amatyala, uthe makabizwe uPawulos.

7. Akufika ke uPawulos, amaJuda awayevela eJerusalem athi emngqongile ambeka izityholo ezinzima, kodwa zazingenabunyaniso xa zizonke.

8. UPawulos yena waziphendulela wathi: “Akukho nanye into endiyenzileyo echasene nomthetho wamaJuda, okanye *indlu kaThixo, okanye *uKhesare.”

9. Ezama ukuzenza mhle kumaJuda, uFesto wathi kuPawulos: “Ungathanda ukuya eJerusalem ukuze ndilichophele khona ityala lakho ngezi zityholo?”

10. Waphendula uPawulos wathi: “Apha ndimi enkundleni kaKhesare, kanye apho limelwe kukuthethwa khona ityala lam. Akukho nto ndiwone ngayo amaJuda, njengoko nawe ngokwakho uqonda.

11. Ke ukuba umthetho ndiwaphule ndona kangangokuba ndimelwe kukugwetyelwa ukufa, andinqweneli kuyibaleka nayo loo ndawo. Kodwa ke ukuba azinabunyaniso izityholo endibekwa zona, akukho bani unokundinikezela kumaJuda. Ndibhenela kuKhesare.”

12. UFesto ukhe wadlana indlebe namaphakathi akhe, wandul' ukuthi kuPawulos: “Ubhenela kuKhesare; kulungile ke, uza kuya kuKhesare.”

13. Ekuhambeni kwexesha ukumkani uAgripa nowakwakhe uBhernike baya eKhesariya, beye kuvuyisana noFesto ngokufika kwakhe.

14. Emva kweentsuku bekhona uFesto wachazela ukumkani ngemeko kaPawulos, esithi: “Apha kukho indoda eyashiywa ingumbanjwa nguFelekis.

15. Ndithe xa bendiseJerusalem, ababingeleli abaziintloko bamaJuda nabadala bazisa kum izityholo ngale ndoda ukuba ndiyigwebe.

16. Kodwa ndabaxelela ukuba inkqubo yamaRoma ayivumi ukuba umntu agwetywe engakhange ajongane nabamangaleli bakhe aziphendulele.

17. Bathe ke bakuza apha andachitha xesha, ndathi ngengomso ndalichophela ityala elo, ndathi mayibizwe le ndoda.

18. Abamangali bavela bamtyhola, kodwa kungengazo iindawo ezimbi endandiba bomtyhola ngazo.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 25