Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 25:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Emva kweentsuku bekhona uFesto wachazela ukumkani ngemeko kaPawulos, esithi: “Apha kukho indoda eyashiywa ingumbanjwa nguFelekis.

15. Ndithe xa bendiseJerusalem, ababingeleli abaziintloko bamaJuda nabadala bazisa kum izityholo ngale ndoda ukuba ndiyigwebe.

16. Kodwa ndabaxelela ukuba inkqubo yamaRoma ayivumi ukuba umntu agwetywe engakhange ajongane nabamangaleli bakhe aziphendulele.

17. Bathe ke bakuza apha andachitha xesha, ndathi ngengomso ndalichophela ityala elo, ndathi mayibizwe le ndoda.

18. Abamangali bavela bamtyhola, kodwa kungengazo iindawo ezimbi endandiba bomtyhola ngazo.

19. Kuphela nje yaba yimpikiswano ngonqulo lwabo, nangendoda ethile eyafayo, egama linguYesu, athi yena uPawulos ihleli.

20. Ndithe ngenxa yokungabi nabungqina buphathekayo ngeli tyala, ndaqonda kuPawulos ukuba akangethandi na ukuba eli tyala liye kuthethwa eJerusalem.

21. Kodwa ke uPawulos usuke wabhenela *kuKhesare. Ubone ukuba makahlale engumbanjwa lide ityala lakhe libe nokuviwa nguMhlekazi ngokwakhe. Ke ndathi makagcinwe de ndimthumele kuKhesare.”

22. Wathi uAgripa: “Nam ndingathanda ukukhe ndiyive le ndoda.”“Uza kuyiva ngomso oku,” utshilo uFesto.

23. Ngengomso uAgripa noBhernike bangena bewongekile apho enkundleni, benabaphathi-mkhosi namadoda aphambili apho edolophini. UFesto wathi makubizwe uPawulos, waza ke wangeniswa.

24. UFesto wathetha wathi: “Kumkani Agripa, nani nonke nina nikhoyo apha, le ndoda niyibona apha ikhalazelwa ngawo onke amaJuda, apha naseJerusalem. Athi ayisafanelanga kudla bomi.

25. Kodwa mna andifumananga nto ingáyenza igwetyelwe ukufa. Nangenxa yokuba yona ngokwayo ibhenele kuKhesare, nam ke ndigqiba ukuba ndiyithumele kuye.

26. Kodwa andikabi nayo inkcazelo ezeleyo endingayenzela uKhesare ngayo. Kungoko ke ndiyizise apha phambi kwenu, ngakumbi wena, kumkani Agripa, ukuze sithi emva kokulivavanya eli tyala layo, ndikwazi ukubhala ngalo.

27. Kuba kum ayiqondakali into yokuba ndithumele umbanjwa zingacacanga izityholo abekwa zona.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 25