Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 25:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba ntsuku-ntathu efikile kwelo phondo uFesto, wesuka eKhesariya, wahambela eJerusalem.

2. Ababingeleli abaziintloko nabakhokeli bamaJuda, bezisa izityholo kuye ngoPawulos. Bamcenga uFesto

3. ukuba ancede amse eJerusalem uPawulos, kuba babefuna ukumlalela endleleni, bamgwinte.

4. Wathi uFesto kubo: “UPawulos uselugcinweni entolongweni eKhesariya. Ndibe nam ngokwam ndiza kuya khona kwakamsinyane.

5. Iinkokheli zenu ze zihambe nam ukuya eKhesariya, ziye kummangalela khona, ukuba ngaba kukho ityala alenzileyo.”

6. Akuba echithe malunga nesibhozo ukuya eshumini leentsuku phakathi kwabo uFesto, wabuyela eKhesariya. Ngengomso xa wayechophele amatyala, uthe makabizwe uPawulos.

7. Akufika ke uPawulos, amaJuda awayevela eJerusalem athi emngqongile ambeka izityholo ezinzima, kodwa zazingenabunyaniso xa zizonke.

8. UPawulos yena waziphendulela wathi: “Akukho nanye into endiyenzileyo echasene nomthetho wamaJuda, okanye *indlu kaThixo, okanye *uKhesare.”

9. Ezama ukuzenza mhle kumaJuda, uFesto wathi kuPawulos: “Ungathanda ukuya eJerusalem ukuze ndilichophele khona ityala lakho ngezi zityholo?”

10. Waphendula uPawulos wathi: “Apha ndimi enkundleni kaKhesare, kanye apho limelwe kukuthethwa khona ityala lam. Akukho nto ndiwone ngayo amaJuda, njengoko nawe ngokwakho uqonda.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 25