Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 2:21-38 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’

22. “MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha.

23. Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu.

24. UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela.

25. Kaloku uDavide uthi ngaye:“ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke.Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto.

26. Kungoko yagcobayo intliziyo yam, ndathetha ndinemivuyo.Ngaphezu koko ndiya kuhlala ndinethemba lokuba andiyi kufa,

27. kuba akuyi kuwuyeka kwelabafileyo umphefumlo wam,ungayi kusiyeka sibole isicaka sakho esikholekileyo.

28. Undazisile iindlela zobomi;ndaye ndiya kuzala luvuyo ngenxa yobukho bakho.’

29. “Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje.

30. Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye.

31. Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola.

32. UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto.

33. Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.

34. Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi:“ ‘INkosi yathi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga

35. lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

36. “Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”

37. Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”

38. Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 2