Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 2:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”

14. Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde:

15. La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,

16. koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:

17. “ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo:‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu,oonyana neentombi zenu zishumayele,abafana babone imibono,amaxhego aphuphe amaphupha.

18. Ewe, nezicaka nezicakazana zamndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla,zize zishumayele.

19. Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu,nezimanga emhlabeni phantsi.Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.

20. Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.

21. Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’

22. “MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha.

23. Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu.

24. UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela.

25. Kaloku uDavide uthi ngaye:“ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke.Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 2