Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 17:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bahamba ke, badlula eAmfipoli naseApoloniya, bada baya kufika eTesalonika, apho yayikho *indlu yesikhungo yamaJuda.

2. Njengoko ebeqhele ukwenjenjalo, uPawulos waya endlwini yesikhungo leyo. Apho wayexoxa nabantu *ngeziBhalo imiGqibelo emithathu,

3. ezichaza iziBhalo, ecacisa kwangazo ukuba ubemelwe kukuva ubunzima *uKrestu, abuye avuke ekufeni. “Lo Yesu ndimvakalisayo nguKrestu,” wayesitsho uPawulos.

4. Abanye abantu boyisakala, bazimanya noPawulos noSilas. Enjenjalo namaGrike aliqela awayemhlonela uThixo, kwakunye namakhosikazi amaninzi aphambili entlalweni.

5. Kodwa akhathazeka amaJuda, aqokelela amatshijolo ezitalatweni, yaligquba elenza intswahla nesiphithi-phithi edolophini. Lawuhlasela umzi kaJason, liba balapho ooPawulos noSilas, liza kubasa ematyaleni.

6. Kodwa lakungabafumani, larhuqa uJason kunye namanye amakholwa, libasa kubaphathi-dolophu, likhwaza lisithi: “La madoda luqhushululu konke apho ahamba khona; ngoku eze nakule idolophu,

7. yaye uJason uwagcine phaya endlwini yakhe. Ewonke angabaphuli-mthetho *kaKhesare, kuba athi kukho nkosi yimbi inguKrestu Yesu.”

8. Ngaloo mazwi basitsho isihlwele nabaphathi-dolophu bakhathazeka.

9. Abaphathi-dolophu babahlawulisa imali yesibambiso ooJason nabanye abo ngaphambi kokubakhulula bahambe.

10. Kuthe nje kusandul' ukuhlwa, amakholwa abathumela eBheriya ooPawulos noSilas. Bafika apho, baya *kwindlu yesikhungo yamaJuda.

11. Abantu balapho bona babeneengqondo eziphangaleleyo kunabantu baseTesalonika. Baluphulaphula ngomdla bona udaba, bazifunda mihla le *neziBhalo, befuna ukuqonda ukuba uPawulos unyanisile na.

12. Kwaguquka abantu abaninzi, amadoda kunye namakhosikazi amaGrike akumgangatho ophezulu entlalweni.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 17