Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 15:23-35 Ibhayibhile (XHO96)

23. Banikwa incwadi ukuba bahambe nayo. Ke yona yayibhalwe ngolu hlobo:“Thina bathunywa sikunye nabadala siyanibulisa njengamawethu xa ninonke, nina zizwe zaseAntiyokwe eSiriya naseKiliki.

24. Sivile ukuba kubekho madoda athile aphuma apha kuthi aza kunixhamla, eniphazamisa ngento esingawathumanga yona, ayithethileyo kuni.

25. Sihlangene ke, savumelana sonke ukuba sinyule izigidimi sizithume kuni, zihambe kunye nabahlobo bethu abaziintanda, uBharnabha noPawulos,

26. amadoda ancame ubomi bawo ngenxa yokukhonza uKrestu.

27. Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo.

28. Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo:

29. Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”

30. Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo.

31. Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo.

32. UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza.

33. Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [

34. Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]

35. UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 15