Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 15:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi.

21. Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”

22. *Abathunywa nabadala, kunye nebandla lonke, bafika kwisigqibo sokuba kukhethwe amadoda phakathi kwabo, athunywe eAntiyokwe kunye noPawulos noBharnabha. Banyulwa ke ooJudas ogama limbi linguBharsabha kunye noSilas, ingamadoda awayebekwe kakhulu ngamakholwa.

23. Banikwa incwadi ukuba bahambe nayo. Ke yona yayibhalwe ngolu hlobo:“Thina bathunywa sikunye nabadala siyanibulisa njengamawethu xa ninonke, nina zizwe zaseAntiyokwe eSiriya naseKiliki.

24. Sivile ukuba kubekho madoda athile aphuma apha kuthi aza kunixhamla, eniphazamisa ngento esingawathumanga yona, ayithethileyo kuni.

25. Sihlangene ke, savumelana sonke ukuba sinyule izigidimi sizithume kuni, zihambe kunye nabahlobo bethu abaziintanda, uBharnabha noPawulos,

26. amadoda ancame ubomi bawo ngenxa yokukhonza uKrestu.

27. Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo.

28. Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo:

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 15