Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 15:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.

3. Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa.

4. Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo.

5. Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.

6. Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela.

7. Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke.

8. UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi.

9. Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye.

10. Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala?

11. Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”

12. Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 15