Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 13:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem.

14. Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi.

15. Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.”

16. Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe!

17. UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa.

18. Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango.

19. Ikwanguye owazitshabalalisayo izizwe ezisixhenxe eKanana, waza loo mhlaba wawunika abantu bakhe amaSirayeli.

20. Yonke loo nto yathatha isithuba esingangeminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu.“Emva koko wabanika iinkokheli, zabalawula kwada kwalixesha lomshumayeli uSamweli.

21. Bakufuna ukumkani, wabanika uSawule unyana kaKishe, wesizwe sakwaBhenjamin, waza wabalawula iminyaka engamashumi amane.

22. Akumsusa uSawule, uThixo wamisela uDavide wangukumkani. Nanga amazwi athethwa nguThixo ngoDavide: ‘Ndiphawule ukuba uDavide, unyana kaJese, ngulo mntu kanye ndimfunayo, umfo oya kwenza oko sukuba ndifuna kwenziwe.’

23. NguYesu lo mzukulwana kaDavide wenziwe uMsindisi wamaSirayeli nguThixo njengoko wathembisayo.

24. Ngaphambi kokufika kukaYesu, uYohane wawashumayeza onke amaSirayeli, esithi makaziguqule iindlela zawo aze abhaptizwe.

25. Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 13